



(	UReginald Hlati enx!be isinxibo sakhe
USyIvia Mathebula one-6 leminyaka owasinda cebetshu ekubeni sisithunzela

"Bathatha ireyiza bandichaza emilenzeni, ezingalweni, ezandleni baza bandisika isicubu kwilungu lam lobuntombi. Emva koko bandithambisa ngeyeza kwezo ntlanga," utshilo uSylvia ebalisa isihelegu esamhlelayo.
Bandichaza nolwimi
ngereyiza ndaza ndangakwazi
ukuthetha kuba lubuhlungu.
Ngemini yesithathu, abathimbi bam balibala ukunditshixela, ndaza ndafumana ithuba lokuqhwesha. Ndathi ukuphuma kwam kuloo ndlu ndasinbela isinqe ukugoduka", utshilo.
Esothukile enjalo, uSylvia wayengakwazi ukuthetha ngabantu ababemthimbile. Ngokutsho kwegqirha nexhwele .elinguReginald Hlati, imimoya ayimkhululi ukuba athethe ngabo.
"Kukho amaxhwele awenza kakuhle umsebenzi wawo nangawenzi kakuhle. Angawenzi kakuhle ufika elinga amayeza ahlukeneyo kuba efuna ukuvavanya amandla awo. Yinyaniso ukuba iqwili linokusetyenziswa ukwenza ilizwi elinokulukuhla umntu nto leyo yenzeka kuSylvia," utshilo uHlati.
"Umntu olixhoba udla ngokuba nentloko ebuhlungu okanye alunywe sisisu ngorhatya aze asweleke ngokukhawuleza. Urnzimba wesithunzela uthambile. Amalungu aso agoba lula nomzimba waso awubandi njengowomntu oswelekileyo.
"Xa nikhe nasingcwaba isithunzela alikho ithemba lokuba ningaphinde nimvuse. Ngumphefumlo wakhe kuphela onokuvuswa.
"Ababu1awa bonke abantu abathinjwe ngamagqwirha. Badla ngokulahleka baze basebenze emasimini ebusuku. Ngamaxesha embalela uya kubona kusisa amanye amasimi enkcenkceshelwe."
UHlati uthi amathambo ezinyanya zakhe ayamxelela ukuba kwenzeka ntoni emntwini othinjwe ngamagqwirha nokuthi ufanele asebenzise eliphi iyeza ukuze amkhulule. Kodwa xa umntu engenakufumaneka, uyaluxelela usapho lwaloo mntu aze angalubizi mali ngaloo nto, utshilo uHlati.
Uthe xa wayesiva ngento kaSylvia, ngathi wayenikwe iwulu yokunitha umchako. Ukuba wayegqibile ukwenza loo nto, bekuza kubanzima ukumhlangula," utshilo uHlati.
Unina kaSylvia ubalise wenjenje:
"Sabhu1isa yonke indawo sifuna uSylvia kodwa asamfumana. Ndavuya gqitha ndakumbona esithi gqi ekhaya ngeCawa yePasika. Eyona nto yayibuhlungu kukuba
Ndasisithunzela;
wayengakwazi ukuthetha, ewuthile emzimbeni, kunzima nokuhamba. Ndamthatha ndamsa kuHlati ukuze amnyange".
"Uqale ukuthetha ngomhla we-14 kuMeyi yaye into yokuqala ayithethayo kukuba ufuna ukuphinda esikolweni," utshilo uNksk. Mathebula.
Qho xa uSylvia enyangwa nguHlati, nyango olo luquka ukuhlamba ngeqwili elithile, ubiza amagama ahlukeneyo abantu abakwimeko yakhe - bantu abo abaziyo unina.
"Waba nethamsanqa lokuba bangalushunquli ulwimi lwakhe abo bantu. Ngoku unokuya esikolweni ayobhala iimviwo zesiqingatha sonyaka," utshilo uHlati.
"Ndinexhala lokuba abantu ababemthimbile basenokuzama ukumthimba kwakhona. Kodwa baza kuzama bancame njengokuba enyangwa ndim nje. USylvia uza kuphila," utshilo
uHlati ngokuzithemba. Usapho lwakwaMathebula luxelele
iBONA ukuba luyafuduka ejilongwe Village Iuya kummandla oluza kukhuseleka kuwo.
UHlati uthe uSylvia ungumntu wesithathu emsindisa ekubeni sisithunzela. Owokuqala ngumfana owayenama-21 eminyaka owayehlala ehlathini. Wayesitya amacilikishe, engakwazi nokuthetha.
Omnye wayengakwazi ukutya nokusela kodwa ekwazi ukuthetha. Wayethakathwa nguyise kuba wayefuna abe sisithunzela esisebenza efameni yakhe.
"Wayesecicini lokufa kodwa emva kokuba ndimselise iyeza elithile, wathimla waza wacela ukutya, kungekudala yabuya ingqondo yakhe," utshilo uHlati.
"Ndiyaqala ukunyanga umntu obesekwimeko abekuyo uSylvia. Kodwa bendisazi ukuba ndiza kumnyanga akwazi ukuthetha. Kufuneka ndibe namandla ngaphezu kwamagqwirha amthimbayo ukuze ndiwoyise," utshilo. l







Ibhoma liyatshiswa xa abakhwetha begoduka.




Abakhwetha baqaba lfutha ebusweni.



Ukufa kwabakhwetha nokunqunyulwa kwamalungu abo obudoda kwenze uluntu lwema ngeenyawo lusithi maluvalwe ngumthetho ulwaluko lwasehlathini. UJIMMY MATYU uchaza indlela elenziwa ngayo isiko lokwaluka eselinenkqayi emaXhoseni yaye uyaphikisana nabathi mallphuculwe okanye lilahlwe ngenxa yokufa kwabakhwetha nokubhldla kwamalungu obudoda okwenzeka eMpuma-Koloni yonk' iminyaka.
ULWALUKO
LWASEHLATHINI:
Uluntu aluxolanga
kukufa kwabakhwetha





AMAKHWENKWE anqwenela ukungena esuthwini kwimimandla ethile eyayifudula iyiTranskei neCiskei azibeka esichengeni sokuphulakana nobomi bawo, ukuphila ubomi bawo enamalungu obudoda alineleyo okanye asusiweyo.
Kwidolophu yaseLusikisiki kufe amakhwenkwe amahlanu kutshanje, amalunga nama-56 abhidlelwe ngamalungu obudoda, kanti asibhozo kuye kwanyanzeleka ukuba anqunyulwe amalungu obudoda ngenxa yolwaluko.
Yonk' iminyaka abakhwetha babulawa kukubhidla kwamalungu obudoda nangumhlathinkqi. Kuthelekelelwa ekubeni ukususela ngo-1991 bangaphezu kwama-42 abakhwetha abaphulekene nobomi babo eMpuma-Koloni kanti abali-1 500 babhidlelwa ngamalungu obudoda kwanyanzeleka ukuba ayonyangwa esibhedlele.
Phakathi kukaJuni ka-1994 noMatshika-1995, kufe abakhwetha abangama-34, abali-13 babhidlelwe ngamalungu obudoda kanti abangama-743
Umkhwetha wenza iti ngoxa abanye behleli kufutshane naye. Baliqaba ebusweni kuphela ngoku ifutha kuba sebepholile, qha sebelindele ukukhutshwa.


bangeniswe kwizibhedlele zeli phondo. INkulumbuso yePhondo leMpuma -Koloni, uRaymond Mhlaba, uvaka1ise ukuxhalaba kwakhe yile meko waza wacebisa ukuba amakhwenkwe asiwe kugqirha ovunyiweyo ukuze awaxilonge ngaphambi kokuba angene esuthwini. Uthe elinye icebo kukuba iingcibi zifurnane uqeqesho lwamayeza kugqirba.
ISebe leMpilo neNtlalo-ntle nalo ligqibe ekubeni liqulunqe umthetho wolwaluko lwesintu ukuze kuthintelwe ukufa kwabakhwetha nokubhidla kwamalungu abo obudoda.
Unobhala weProvincialTaskTeam, uMaweza Balley, uthe lo mthetho uyilwayo uya kunqanda ukusasazeka kwezifo ezisu1elayo uphucule nemeko yempilo esuthwini.
Uhambise wathi eli nyathelo liya









Abakhwetha bame phambi kwebhoma labo balungele ukuhamba-hamba.








kuthintela nezifo ezisulelwa ngesondo njengeAids, igcushuwa nokuvuza.
Nangona kunjalo, ezinye iinkonde zinxamnye nokungenelela kukarhulumente ngokubeka umthetho wolwaluko, zithi oko kuya kusithoba isidima eli siko.
Eli siko lelabeNguni (amaXhosa namaNdebele) nabeSuthu ikakhulu kodwa kuthiwa liqale ukunwenwela nakwimimandla efana noLusikisiki kwiminyaka yoo-1 976.
Ngaphambi kokuba amanye amakhwenkwe aye esuthwini afaka ubulunga benkomo ukuze agxothe amashwa ukuze angaguli xa esesuthwini.
Emva koko amakhwenkwe aya ebhomeni elidla ngokwakhiwa ngamadlavu yaye lakhiwa kude nemizi kwindawo esehlathini. Oku kwenzelwa ukuba bangadibani nabantu ababhinqileyo.
Emva kokuba esokiwe amakhwenkwe athanjiswa ifutha elixovwe ngamanzi. Ayathanjiswa kwakhona lakukhuhlwa yingubo elo futha de aphole alungele
ukukhutshwa.
Kutyunjwa ikhankatha eligcina amakhwenkwe liwafundise izinto zobudoda ehlathini. Lilo eliqinisekisa nokuba zicocekile izilonda zamakhwenkwe - ngokukhupha izichwe lifake ezitsha. Kufuneka kube yindoda ekwaziyo ukuzeyisa nokuzilinda yaye kufuneka ingadibani nomntu obhinqileyo xa iselikhankatha labakhwetha.
Abakhwetha badla ngobubhuqwa yindlala nakukunxanwa kwiintsuku ezilishumi zokuqala kuba abavunyelwa basele amanzi, batye inyama okanye batye ukutya okupheleleyo.
Maxa wambi bayavunyelwa basele amanzi kodwa kufuneka axutywe nentwana yefutha.
Oko kwenziwa de kufike ixesha lokuba kuxhelwe ojiswe amakhwenkwe xa sepholile. Emva koko ayavunyelwa atye ukutya asele namanzi.
Akuphola amakhwenkwe alungele ukukhutshwa emva kweeveki ezintathu,
liyatshiswa ibhoma nezinto
ebezisebenzisa, phofu oko kuxhomekeka ekupholeni kwawo.
Lithi xa ibhoma lisitsha abakhwetha bombathiswe ngeengubo ezimhlophe ezinomgca omnyama. Ikhankatha libaxelela ukuba bangajonge phambi bangajongi ngasemva xa ibhoma lisitsha. Kubakho abantu abazama ukubalahlekisa ofika bekhwaza besithi Jongani ngasemva ibhoma liyatsha! Kukho inkolo yokuba xa umkhwetha ekhe wajonga ngasemva izinto azenzayo okanye amacebo akhe exesha elizayo akazuphumelela.
Lakutshiswa ibhoma amakrwala avagoduswa ekhokelwe ngamadoda ahamba ecula Usomagwaza, ehamba edlala iintonga.
Athi akuthi gqi emakhaya, amabhinqa anze ubuyeye evuyela ukubuyela kwamakrwala emakhaya ephilile yaye ekhuselekile.
Akufika ekhaya asiwa ebuhlanti apho izithethi zitshintshana ngokuwayala ngokulindelekileyo kuwo njengoko engamadoda ephumile ebukhwenkweni. Izithethi nabanye abantu bayawasoka ngezipho amakrwala.
Emva koko kuqalisa iziyunguma nemivuyo. Amabhinqa afika engamaqela okanye ilelo lihamba lodwa lizopha amakrwala iibhotile zegrangqa, impahla yokunxiba okanye ezinye izinto.
Emva koko amakrwala aqaba imbola ebusweni, anxibe iimpahla zekhakhi, ibhatyi, athwale entloko aze ahambe ebona izalamane ephethe intonga.
Ikrwala liyalwa nangokuba libe nendibano yesondo yokuqala emva kokuba lalukile nomntu elingazimiselanga ukumtshata kungenjalo akanakuphila umntwana eliya kumzala.
Nangona eli siko lineenxwaleko yaye libeka esichengeni impilo yenkwenkwe, lisahlonelwa gqitha ngamaXhosa.









22 BONA XHOSA - October 1996

Mhla babeqala ukudibana. UMprofethi uMhambi (ekhohlo) noBruce Sosibo ongasekhoyo emzin! kaMhambi. UMhambi wathembisa ukuba uza kumnyanga "ngeeveki ezine" uSosibo. Ngoku uSosibo uswelekile.


Ulishiyile eli phakade! Obeyimvumi yaseThekwini eneAlDS, uBruce Madoda Sosibo. Ubephika ukuba siyambulala esi sifo.
UBRUCE SOSIBO
UFE EPHIKA
UKUBA USENAYO
l-AIDS...


Ukukholelwa kukaBruce Sosibo kuThixo nokuphika kwakhe ukuba usenayo iAIDS kuko obekumgcina ephlla nangona ebesegula kakhulu. Ubejikeleza exelela abantu ukuba unyangwe eneAlDS kanti wakhe wagxeka neBONA ngokubhala kwayo ukuba ugulela ukufa Ingxelo yenziwa nguFELIX MGUDLWA...

kufote UTHEMBA NKOS1



UBRUCE Sosibo obeyimvumi yaseThekwini eneAlDS umnabel' uqaqaqa kwaye ukufa kwakhe kuwatshabalalisile amathemba okuba lukho unyango lweAIDS. UBruce ubengumntu okholelwa gqitha yaye ubekholelwa ekubeni amanzi angcwele oMprofethi waseMtata, uZinceba Mhambi, aza kuyinyanga iAIDS ebimphethe.
Uzame kangangoko ukubhengeza amandla okunyanga kaMhambi kwaye
ebengonqeni ukuma phambi kwezihlwele zabantu naphi na apho asiwe khona nguMhambi abaxelele ukuba umnyangile.
Ukufa kukaBruce ngequbuliso kuyitshabalalise yonke Ioo nto. Ukufa kwakhe kube bubungqina bokuba alukabikho unyango IweAIDS! lnto ebuhlungu kukuba uBruce ubesetyenziselwa ukwenza Iithandwe ngabantu ishishini IikaMhambi, kwaye oko kwenze abantu abaninzi abangathathi-ntweni baphulukana nemali yabo ngethemba Iokuba baza kunyangwa njengoBruce.
UMhambi ubesenza izibhengezo zikanomathotholo ezidla imali eninzi ebhengeza iindawo aza kutyelela kuzo, yaye esebenzisa uBruce ukutsala abantu abaninzi kwiindibano ebezenza. Ezi zibhengezo bezikhutshwa yiRadio Transkei neRadio Xhosa ikakhulu. Esinye isibhengezo esaphuma kwiRadio Transkei sasisithi uBruce yimvumi eyaziwayo nethandwayo yaseThekwini eza kuba icula, futhi ichazela abantu indlela eyanyangwa ngayo.
USosibo ubesazi ukuba isamtya intsholongwane YeAIDS; ubesazi ukuba asiyonyaniso ayixelela abantu abaninzi nayitsho kunomathotholo.
Besisazi ukuba uSosibo ugula ngamandla yaye nabantu ababemgcina eRose Of Sharon Home ekuyindawo egcina abantu abagula kakhulu YiAIDS bakungqina oko. USosibo wavuma ukuya kwaMhambi kuba wayefuna ukulinga ezinye iindidi zonyango. Wayesexelelwe kakade ukuba ukufa kuyamchwechwela nokuthi angasweleka nanini na. UMhambi wabona kulithuba lakhe elo lokuzenza adume. Waqhagamshelana neBONA esithi ufuna ukunyanga uSosibo simahla ukuze abonise ukuba unalo unyango lweAlDS. Waxelela uMhleli Omkhulu weBONA, uMnu. Daizer Mqhaba, ukuba uza kumnyanga ngeeveki ezine kuphela. Kuthe emva kwexesha elingephi watshintsha uMhambi ekuthini uza kumnyanga simahla, wacela ukuba iBONA imxhase ngemali.
IBONA yavuma ukumxhasa ngemali, ikholwa kukuba xa uMhambi enalo










24 BONA XHOSA - Octoberl996
UBruce Sosibo nommelwane wakhe, uBafana  Moloi. UBruce ubephika ukuba usenayo IAIDS yaye ubejikeleza exelela abantu ukuba unyangiwe.
UMprofethi uMhambi (onxibe isivatho esinombala obomvu noqanda) noPamela Molose babonisa uMhleli Omkhulu WeBONA, uDaizer Mqhaba (ekhohlo) noMike Mtakati (ekunene) isiqinisekiso sokuba uMolose akanayo intsholongwane yeHIV. lnyaniso kukuba akazange afunyanwe enentsholongwane
YeHlV ngaphambili.	y





unyango lwesi sifo, uya kunceda izigidi ngezigidi zabantu abanaso (esi sifo) ehlabathini. liveki ezine ezazitshiwo nguMhambi zajika zaziinyanga. Wafuna enye imali kwiBONA, egrogrisa ngokuba xa ingamniki uza kulithengisa kwezinye iimagazini ibali Jakhe. Saqala sacinga ukuba uMhambi umnyangile uBruce ngoko yiloo nto efuna imafi. Kodwa safumanisa ukuba imeko kaBruce iya iba mandundu yaye umzimba wakhe wawunevumba elibi. Sadana kukuva uBruce, ekwakuvakala ukuba uyixelelwe into emakayithethe, exeleta abaphulaphuli kwinkqubo yeRadio Xhosa ethi 1 2-Down ukuba iBONA ibhale amampunge ngaye; esithi unyangiwe yena qha intatheli engufvtike Mtakati ibhale ubuxoki ngaye!
Emva koko kwangenefela uMhambi owayevakala onwabile, naye wagxibha iBONA. Kusenjafo kwangena emoyeni umphulaphuli owayevakala ngathi ngumama omdala. Wathi Ioo mama ukho oxokayo phakathi kukaMhambi noMqhaba yaye iza kuvela inyaniso ngeny imini. tmpikiswano yayisekubeni uBruce uyafa na njengoko kwakusitsho IBONA okanye unyangekile njengokutsho kwakhe (uBruce) noMhambi. Omnye umphulaphuli oyindoda wathi:
Akukho litye
Iibekwe phezu
kwelinye elingayi kuqengqwa. Ngaloo ntetho wayesithi
ngenye imini inyaniso iza kuvela. lnyaniso yayikukuba uBruce uyafa,
kwaye naye wayesazi ukuba uyafa nangona wayephika. Ngenene uBruce uswelekile ekugqibeteni! Ufe esagcinwe nguMhambi.
UBruce wayengumntu owaziwayo kwezolonwabo. Umsebenzi wakhe yayikukonwabisa nokulingisa. Wayengumntu oneengcinga nonengqondo ephalayo. Wayeneengcinga ezininzi, eneminqweno, kodwa echanwa kukugula. Ubengumntu okwaziyo ukuzenzisa nokukhlohlisa kangangokuba ubezikhohlisa naye ngokwakhe. KwaMhambi ubengumguli aphinde aphendule neminxeba. Ubesazi ukuba abantu bafuna ukuthetha naye ukuze bafumane inyaniso. Yiloo nto ebimenza alifihle igama lakhe emnxebeni azibize ngo-Siza.
UBRUCE SOSIBO UFE EPHIKA
UKUBA USENAYO l-AIDS...
Kodwa ke ubengenako ukukhohlisa amajelo eendaba - ingakumbi thina bakwaBONA kuba besimazi nelizwi lakhe silazi. Mhtawumbi asifanelanga sigxeke uBruce ngaloo nto kuba siyazi ukuba isibhedlele saseThekwini sathi ugula ngengqondo.
Umngcwabo kaBruce kowabo KwaMashu ube yenye intlungu. Ubuzinyaswe bubukho bukaMhambi, kukho abantu abangaphantsi kwama200 yaye ukhuseleko beluluqilima kuwo.
Ukufa kwakhe bekuyimfihlo enki1u. lthe iBONA yakuva ngokufa kwakhe ngomntu ohlala kwaMhambi, yazama ukufumana ubungqina baloo nto. Bekunzima ukufumana into ephathekayo kuba kungekho mntu ufuna ukuthetha ngako. Umnxeba kwaMhambi ubuphendulwa ngabantu ebebesoyika ukuthetha ngalo mba. Uthe uMhleli Omkhulu weBONA, uDaizer Mqhaba, akugqiba ekubeni aye kwaMhambi,
eMtata, waxelelwa lixhegokazi ebeliphuma khona ukuba uBruce limshiye ehleli everandini. Emva koko Iiye lahamba ngokukhawuleza. UMqhaba uzame ukufumana ubungqina baloo nto waza waya kufikelela
naseRadio
Transkei
apho
afumene
ukuba
akukho mntu unolwazi
ngokufa kukaBruce.
Bathe abacholacholi beendaba beAadio Transkei bakutsalela umnxeba kwaMhambi, ibhinqa etithe Iisandut ukufika kwaMhambi, Jingqinile ukuba Iaxelelwa ukuba uswelekile uBruce xa lalifika ekuqaleni kweveki. Emva koko likhawuleze Jathi laxelelwa ukuba Iingayixeteli mntu 100 nto.
lRadio Transkei izithe pahaha iindaba zokufa kukaBruce emva koko, icaphula uDaizer Mqhaba echaza. Akuphelanga neeyure ezingama-24 emva koko, uMhambi wazisa incwadi evela kumagqwetha akhe egrogrisa iRadio Transkei ngomyalelo weNkundla ePhakamileyo (court interdict) efuna neetheyiphu nemibhalo yentetho kaDaizer Mqhaba.
lgqwetha IikaMhambi libe negaleto elinye elikhutu kuphando ebesilwenzela inqaku lethu: lingqinile ukuba uBruce Sosibo uswelekile, yaye ukufa kwakhe fikuchaze ngokuba kube yintando kaThixo. Ngaba bukho ubungqina obungaphezu kobo?
Hamba kahle, Bruce!



18 BONA XHOSA * October

20 BONA XHOSA - October 1996

		BONA XHOSA - October 1996 21

